1 Kutimoti 6 XHO96

1 Bonke abantu abaphantsi kwedyokhwe yobucaka mababahloniphe ngokupheleleyo abaphathi babo, ukuze igama likaThixo kunye nemfundiso yobuKrestu zingajongelwa phantsi.

2 Naxa abaphathi bengamakholwa, izicaka mazingabadeli kuba bekholwa kunye. Ndaweni yaloo nto mazithembeke ngakumbi, kuba kaloku abo zibasebenzelayo banye kunye nazo elukholweni naseluthandweni.Shumayela ufundise ngale mibandela.

Imfundiso yobuxoki nobutyebi benene

3 Nabani na ofundisa imfundiso enxamnye nale, okanye ongahambisaniyo neendaba zeNkosi yethu uYesu Krestu, nemfundiso yonqulo olwamkelekileyo,

4 lowo uthiwe lwale likratshi nokungazi. Ungumntu osoloko enxanelwe ukuthetha amazwi alambathayo azala ingxabano nomona, ukungevisisani nokwenyelisa, ukukrokrelana

5 neengxoxo ezingaphele ndawo. Zonke ezi zinto yimikhwa yabantu abangqondo zingasebenziyo, asebelahlekene nayo inyaniso. Benza ngathi unqulo yindlela yokuzuza ubutyebi.

6 Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.

7 Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto.

8 Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.

9 Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.

10 Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.

Iziyalo

11 Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.

12 Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.

13 Ngoku ke ndiyakugunyazisa phambi koThixo umniki bomi kuzo zonke izinto, naphambi koYesu Krestu, owenza isivumo wangqina phambi koPontiyo Pilato.

14 Wuthobele umyalelo, uwuphathe nyulu ungenabala, kude kube yiMini yokubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu.

15 Le mbonakalo uThixo uya kuyizalisekisa ngexesha lakhe elifanelekileyo – ewe, uThixo ingangamsha yengangalala elawula konke, iKumkani yeekumkani, iNkosi yamakhosi!

16 Nguye yedwa ongasoze afe; uhlala kubuqaqawuli obungafikelelwayo. Akukho mntu wakha wambona nonokuze ambone. Kuye makubekho isidima nobungangamsha ngoku kude kube ngunaphakade! *Amen.

17 Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.

18 Bakhuthaze benze imisebenzi emihle, babe zizinhanha ngemisebenzi elungileyo, babe nezinwe, babaphe abasweleyo.

19 Ukuba benjenje ke boba bazigcinela indyebo eya kuba sisiseko sekamva labo. Ngokwenjenjalo bobuzuza ubomi bokwenyani.

20 Wa Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine! Ziphephe iincoko eziphuthileyo zeli hlabathi, ndawonye neengxoxo ezilambathayo “zolwazi,”

21 kuba abaninzi bathe beqhayisa ngalo olu lwazi, suke baluphosa ukholo.Makube sisisa kuni nonke.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6