1 Kutimoti 3 XHO96

Abakhokeli bebandla

1 Liyinene eli lizwi lithi: “Ukunqwenela ukuba yinkokheli ziinjongo ezibalulekileyo.”

2 Ngoko ke inkokheli mayibe ngumntu ongenabala; mayibe ngumntu onomfazi omnye, ozinzileyo ngengqondo, oyingcathu; abe ngonocwangco, onobubele ekhaya, okwaziyo ukufundisa;

3 engelilo inxila, okanye ocaphuka msinya, kodwa onobulali, ethanda inzolo; mayingabi ngoyinyolukeleyo imali.

4 Kufuneka ibe ngumntu okwaziyo ukulawula usapho lwakhe, ethotyelwa ngabantwana bakhe, umntu ovunyiweyo ngesimilo.

5 Kaloku umntu owoyiswayo kukulawula usapho lwakhe, angalilawula njani ibandla labantu bakaThixo?

6 Kufuneka ingabi ngumntu osandul' ukuguquka, hleze athiwe lwale likratshi, aze agwetywe njengoSathana.

7 Makabe ngumntu ohlonitshwayo ngabangakholwayo, ukuze angabi sesichengeni sehlazo, eyele kwimigibe kaSathana.

Abancedisi

8 Nabo abancedisi mababe ngabantu abasimilo sihle, benyanisekile; bengengawo amanxila okanye izinyolunyolu zemali.

9 Kufuneka babe ngamadoda azinikele ngokupheleleyo kwinyaniso yokholo, engenasazela nganto.

10 Nabo kwanjengabakhokeli, mabaphicothwe kuqala; ukuba ke abanabala bangeniswe emsebenzini.

11 Nabafazi babo mababe ngabazimilo zihle, bengahlebi; abazinzileyo ngengqondo, bethembekile ngeendlela zonke.

12 Umncedisi makabe nomfazi omnye kuphela, akwazi ukubaqeqesha abantwana bakhe, ayilawule nendlu yakhe iphela.

13 Abancedisi abawenza ngokufanelekileyo umsebenzi wabo, bazuza iwonga nelungelo lokuthetha ngesibindi kwimicimbi kaKrestu Yesu.

Imfihlelo enkulu

14 Le leta ndiyibhala ndinethemba lokuza kukubona kamsinya.

15 Kodwa ke ukuba ndibambezelekile woyifunda kule leta indlela abafanele ukuziphatha ngayo abantu endlwini kaThixo, ibandla likaThixo ophilayo, intsika exhasa inyaniso.

16 Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:Wavela ngesimo sobuntuwaza wangqinelwa nguMoya,wabonwa zizithunywa zezulu.Washunyayelwa ezizweni,wamkelwa lihlabathi,waza wawongwa ezulwini.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6