1 Kutimoti 5 XHO96

Ukuziphatha komalusi webandla

1 Ungaze uthethe rhabaxa nomntu omdala kunawe. Thetha naye ngokungathi uthetha noyihlo. Abafana abanganeno kuwe bathathe njengabaninawe,

2 abafazi abadala njengonyoko. Phakathi kwabafazana ziphathe nyulu njengakoodade wenu.

3 Bahlonele abahlolokazi; ndithetha abahlolokazi ngenene.

4 Ukuba umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana mabafunde ukwenza iimfanelo zabo ekhaya kuqala, baze ngokwenjenjalo babuyekeze abazali babo, bamkholise noThixo.

5 Kodwa umfazi ongumhlolokazi nene-nene ongenabani, ithemba lakhe ulibeke kuThixo. Uthandaza ubusuku nemini ecela uncedo lukaThixo.

6 Kanti ke umhlolokazi ozinikezele eziyolweni nasebumnandini, sewafayo naxa ngathi uhleli nje yena.

7 Baxelele ngezi zinto abahlolokazi, ukuze bangabekwa bala.

8 Umntu ongazikhathaleleyo izizalwane zakhe, ingakumbi ezihlala naye, selelulahlile ukholo, ungcole ngaphezu kwabangakholwayo.

9 Ubhaliso lwabahlolokazi lwenzelwa abo bangaphezu kwamashumi amathandathu eminyaka ubudala. Ngaphezu koko kufuneka babe babenyanisekile emadodeni abo,

10 bedumile nangemisebenzi emihle: ingqeqesho ebantwaneni, ukuphatha kakuhle iindwendwe emizini yabo, ukuhlamba iinyawo zabantu bakaThixo, ukuvelana nabasezingxakini, nokuzimanya kwiindidi ngeendidi zemisebenzi emihle.

11 Abahlolokazi abasebatsha uze ungababhalisi bona. Kaloku kuthi wakubavukela umnqweno bafune ukwenda, bamfulathele uKrestu,

12 baze ke babe netyala ngokwaphula isithembiso.

13 Ngaphandle kwaloo nto baziqhelisa nokuchitha ixesha behamba bejikeleza emizini, bagqibele benolwimi, behamba bethetha ngezinto zabantu.

14 Mna ndicebisa ukuba aba basebatsha abahlolokazi mabatshate, bazale, bahlale emizini yabo, ukuze iintshaba zethu zingafumani kroba lokusinyemba.

15 Kaloku sekukho abanye abahlolokazi abasebekhethe ukulandela uSathana.

16 Ukuba kukho inkosikazi elikholwa enezizalwana ezingabahlolokazi mayizijonge ngokwayo, ingathwalisi ibandla umthwalo, khon' ukuze libe nako ukujonga abo bangenamntu.

17 Abakhokeli abasebenza kakuhle ekuphatheni ibandla mabawongwe babonelelwe ngokwaneleyo; ngakumbi abo babulaleka ziintshumayelo nakukufundisa.

18 Kaloku zithi *iziBhalo: “Sukuyifaka isicheme inkabi ebhulayo.” Ziphinda kwakhona zithi: “Umsebénzi ufanelwe ngumvuzo wakhe.”

19 Isimangalo esenziwa ngomkhokeli uze ungasamkeli ngele kokuba sixhaswa ngamangqina amabini namathathu.

20 Abo bonayo, bangxolise ekuhleni, khon' ukuze nabanye boyike ukona.

21 Ndiyakuyala phambi koThixo, noYesu Krestu, kunye naphambi kwezithunywa zakhe, ukuba uyigcine le mithetho, ungabi namkhethe.

22 Uzungafan' ubeke izandla nayiphi na indoda. Zigcine nyulu, ungazidibanisi nasono samntu.

23 Yeka ukumana usela amanzi odwa; thatha intwana yewayini. Yosilungisa isisu sakho, ungasoloko ukhathazwa yimpilo.

24 Abanye abantu zidlula zingekakhalazelwa izinto ezimbi abazenzayo. Kanti ezabanye zihlala zifihlakele kude kube kudala beqhuba.

25 Ngokukwanjalo ke nezinto ezintle abazenzayo abantu zinokubonakala. Phofu naxa zingabonakali azinako ukufihlakala kuphele.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6