1 Kutimoti 2 XHO96

Umthandazo webandla

1 Kuqala, ndiqononondisa ndisithi: izicelo, imithandazo, izikhungo, nemibulelo,

2 mazenzelwe bonke abantu. Iinkosi nabasemagunyeni bonke mabathandazelwe, ukuze kubekho inzolo noxolo ehlabathini, sihlale ngokoyika nangokuhlonela uThixo.

3 Yinto elungileyo nekholekileyo leyo kuThixo, uMsindisi wethu,

4 ofuna ukusindisa bonke abantu, baze bafikelele ekuyazini inyaniso.

5 Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana,

6 owazenza intlawulelo yenkululeko yoluntu luphela. Wayingqinela injongo kaThixo kanye ngexesha elifanelekileyo, ngokwenjenjalo.

7 Mna ke ndalathwa ukuba ndibe sisigidimi sokufundisa iintlanga ukholo nenyaniso. Andixoki; ndinyanisile.

8 Ngoko ke ngumnqweno wam ukuba imithandazo yenziwe ngamadoda emabandleni onke, ethandaza ephakamise izandla ngeenjongo ezimsulwa, engahambisani neengxabano nomsindo.

9 Abafazi bona mabandileke, banxibe ngesidima, bathozame; iinwele bangazihombisi ngokugqithisileyo. Mabangayokozeli ngamaso egolide, nawamatye exabiso, bawunduzelise ngeelokhwe zeendleko.

10 Ndaweni yaloo nto mababe nemisebenzi emihle efanele amakhosikazi abanga igama lobuKrestu.

11 Umfazi makabe ngumfundi othe cwaka onentobeko.

12 Andimvumeli ukuba abe ngumfundisi; andithandi nokuba aphathe amadoda; hayi, makathi cwaka.

13 Andithi kanene nguAdam owadalwa kuqala, kwaza kwalandela uEfa?

14 AsingoAdam owakhohliswayo, yaba ngumfazi owavuma inkohliso, waza wawa esonweni.

15 Kambe ke wosindiswa ngokuzala ukuba uthi rhoqo ukuhlala elukholweni, nothando, nobungcwalisa, ezinzile ngengqondo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6