4 ukuze babonise abafazana ukuthanda abayeni babo nabantwana babo.
5 Abafazana mababe ngcathu, bakwazi ukuziphatha nyulu, bakhuthale emizini yabo, balulamele amadoda abo, ukuze bangalihlazisi ilizwi likaThixo.
6 Kanti nabo abafana bafundise ukuziphatha ngobungcathu.
7 Kuyo yonke into oyenzayo yiba ngumzekelo omhle kubo. Xa ufundisa, mababone ukuzimisela nokundiliseka kwakho.
8 Yonke intetho yakho mayibe ngamazwi akhethiweyo, ukuze okuphikisayo akhohlwe kukuthetha, axakeke, angabi nandawo yakugxeka.
9 Izicaka zifundise ukuthobela abaphathi, zibakholise kwinto yonke. Mazingaphendulani nabo,
10 zingebi nokuba. Koko mazisoloko zinyanisekile, zibonakalisa intembeko, ukuze inconywe imfundiso engoThixo nangoMsindisi ngenxa yokuziphatha kwazo.