5 wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.
6 Kaloku uThixo usigalele uMoya wakhe ngobubele ngaye uYesu Krestu uMsindisi wethu.
7 Ngesisa sakhe senziwe amalungisa, ukuze sixhamle obo bomi bungapheliyo sibulindeleyo.
8 Athembekile loo mazwi.Iingongoma endifuna uzibethelele ke, zezi: Abo bantu bathe bafikelela ekukholweni kuThixo, kufuneka benze imisebenzi emihle – ndithetha imisebenzi eluncedo nakwabanye abantu.
9 Kodwa zona iingxoxo zobuhiba uze uziphephe, neenkcukacha zeminombo, iimbambano, neengxabano ngomthetho kaMosis; zizinto ezingenamsebenzi ezo.
10 Umntu odala uqhekeko mlumkise kude kube kabini, ungadlelani naye emva koko.
11 Umntu onjalo unengqondo engcolileyo, selezigwebe kwangezenzo zakhe.