6 Kaloku uThixo usigalele uMoya wakhe ngobubele ngaye uYesu Krestu uMsindisi wethu.
7 Ngesisa sakhe senziwe amalungisa, ukuze sixhamle obo bomi bungapheliyo sibulindeleyo.
8 Athembekile loo mazwi.Iingongoma endifuna uzibethelele ke, zezi: Abo bantu bathe bafikelela ekukholweni kuThixo, kufuneka benze imisebenzi emihle – ndithetha imisebenzi eluncedo nakwabanye abantu.
9 Kodwa zona iingxoxo zobuhiba uze uziphephe, neenkcukacha zeminombo, iimbambano, neengxabano ngomthetho kaMosis; zizinto ezingenamsebenzi ezo.
10 Umntu odala uqhekeko mlumkise kude kube kabini, ungadlelani naye emva koko.
11 Umntu onjalo unengqondo engcolileyo, selezigwebe kwangezenzo zakhe.
12 Bakufika apho ooArtemas noTikiko, uze wena ukhawuleze undihlangabeze eNikopoli. Ndifuna ukuchitha ubusika khona.