4 Naxa ndinikhumbulayo emthandazweni, ndinithandazela nonke ngovuyo,
5 ngenxa yendlela enasebenzisana ngayo nam kwamhla-mnene kumsebenzi wam wokuhambisa iindaba ezimnandi, kude kube ngoku.
6 Yaye ndiqinisekile ngale ndawo yokuba lo msebenzi mhle awuqalileyo uThixo kuni, uya kude awuqabelise ngeMini kaKrestu uYesu.
7 Nina kum nihlala nisenyongweni; yiyo ke le nto ndinyanzelekile ukuba ndinithathe ngolu hlobo. Kaloku nani niyixhamle inyhweba endiyinikwe nguThixo, ngoku kanye ndisentolongweni, naxa iindaba ezingoKrestu ndizilwelayo ndizimela kananjalo.
8 UThixo uyazi ukuba ndinyanisile xa ndithi ndinilangazelela kanye ngale ndlela uKrestu anilangazelela ngayo.
9 Umthandazo wam kukuba ze niye nikhula ngokukhula eluthandweni naselwazini oluphangaleleyo, nibe nombono onzulu,
10 ukuze nibe nokukwazi ukuzicalu-calula izinto. Xa kunjalo ke iMini kaKrestu yofika ningenasiphako, nimsulwa,