7 Nina kum nihlala nisenyongweni; yiyo ke le nto ndinyanzelekile ukuba ndinithathe ngolu hlobo. Kaloku nani niyixhamle inyhweba endiyinikwe nguThixo, ngoku kanye ndisentolongweni, naxa iindaba ezingoKrestu ndizilwelayo ndizimela kananjalo.
8 UThixo uyazi ukuba ndinyanisile xa ndithi ndinilangazelela kanye ngale ndlela uKrestu anilangazelela ngayo.
9 Umthandazo wam kukuba ze niye nikhula ngokukhula eluthandweni naselwazini oluphangaleleyo, nibe nombono onzulu,
10 ukuze nibe nokukwazi ukuzicalu-calula izinto. Xa kunjalo ke iMini kaKrestu yofika ningenasiphako, nimsulwa,
11 ubomi benu buqhelezela sisidima esinokuveliswa nguKrestu kuphela, ukuze uThixo abongwe adunyiswe.
12 Ndifuna nazi, mawethu, ukuba izinto ezandihlelayo zanceda ekuziqhubeleni phambili, endaweni yokuzidodobalisa, iindaba ezingoKrestu.
13 Ngenxa yaloo nto ke bonke abalindi bebhotwe, kunye nabo bonke abanye abalapha, bayazi ukuba ndisentolongweni nje kungenxa yokuba ndisisicaka sikaKrestu.