18 Kwakhona ndithi vuyani, nam nindonwabise.
19 INkosi ivuma, ndinethemba lokuba kwakamsinya ndoba nako ukumthuma kuni uTimoti, khon' ukuze ndihlaziyeke ziindaba ezivela kuni.
20 Kaloku uTimoti lo kuphela komntu ozimvo zinjengezam; yaye unomdla ngokwenene kuni.
21 Bonke abanye aba baxakeke zizinto zabo, bengayinanze nganto ekaKrestu imicimbi.
22 UTimoti yena nimazi kakuhle. Niyazi ukuba wayesoloko ejikeleza kunye nam ekuhambiseni iindaba ezimnandi, kanye oku konyana ethene nca noyise.
23 Ndiza kumthuma kuni ke kamsinya, ndakuba ndiyiqondile imeko yokuhamba kwezinto ngakum;
24 ndaye ndinethemba lokuba emandleni eNkosi nam ngokwam ndiza kuza kungekudala.