20 Kaloku uTimoti lo kuphela komntu ozimvo zinjengezam; yaye unomdla ngokwenene kuni.
21 Bonke abanye aba baxakeke zizinto zabo, bengayinanze nganto ekaKrestu imicimbi.
22 UTimoti yena nimazi kakuhle. Niyazi ukuba wayesoloko ejikeleza kunye nam ekuhambiseni iindaba ezimnandi, kanye oku konyana ethene nca noyise.
23 Ndiza kumthuma kuni ke kamsinya, ndakuba ndiyiqondile imeko yokuhamba kwezinto ngakum;
24 ndaye ndinethemba lokuba emandleni eNkosi nam ngokwam ndiza kuza kungekudala.
25 Ndiyabona ukuba uwethu uEpafrodito, ongumncedisi nogxa wam, enanimthumele kum, mandimthumele kwakuni.
26 Ubesoloko enikhumbula gqitha, yaye uva intw' embi kuba nivile ukuba ubegula.