26 Ubesoloko enikhumbula gqitha, yaye uva intw' embi kuba nivile ukuba ubegula.
27 Kambe wayegulela ukungabikho, kodwa uThixo wamenzela inceba, nam wandivela ngokundikhulula kusizi olungaphezu kolu ndinalo.
28 Ngenxa yaloo nto ke ndikungxamele ngakumbi ukumthumela, ukuze nivuye kwakhona nakumbona, nam ndiphumle elusizini.
29 Mamkeleni ke ngezandla ezingenamkhinkqi ebudlelaneni eninabo neNkosi. Bonke abantu abanjengaye nje benzeleni imbeko,
30 kuba yena obakhe ubomi uphantse ukwahlukana nabo ngenxa yemicimbi kaKrestu, ebubeke esichengeni ukuze andincede apho beningenakundinceda khona nina.