4 Nam ngokwam bendingaqhayisayo ngezi zinto. Ukuba kukho bani uqhayisa ngembonakalo, mna ndingaqhayisa ngaphezulu:
5 Mna ndaluswa ndineentsuku ezisibhozo ndizelwe. NdingumSirayeli wesizwe sakwaBhenjamin ngokomlibo, umHebhere nozwane. Ndandingoweqela *labaFarasi ekugcineni *umthetho,ndinenzondelelo,
6 ndada ndalitshutshisa ibandla. Ndandingabekwa bala ekuwugcineni umthetho.
7 Kodwa zonke ezo zinto ndandisithi ziyinzuzo, ngoku ndizithatha njengelahleko ngenxa kaKrestu.
8 Phofu asizizo zodwa, koko yonke into ndiyithatha njengelahleko mpela, kuba zonke izinto zigqithwa kude lee yinzuzo yokwazana noYesu Krestu iNkosi yam. Ndalahla yonke into ngenxa yakhe. Into yonke ndiyithatha njengomgquba ngenxa yokufuna ukuzuza uKrestu.
9 Kaloku ndimanywe naye, ndingenabulungisa ndizifumanele bona ngokugcina kwam umthetho. Ndimanywe noKrestu nje, ndenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa kuKrestu.
10 Inye kuphela ke into endiyifunayo: kukwazana noKrestu, ndize nam ndiweve ukusebenza kwawo amandla okuvuka kwakhe, ndibe nenxaxheba kwiimbandezelo zakhe, ndimanywe naye ekufeni kwakhe,