10 Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo.
11 Wanga anganomeleza ngamandla akhe agqitha ukuqonda, ukuze nibe nako ukunyamezela ninomonde novuyo.
12 Bulelani kuBawo onenze nakufanela ukuba nenxaxheba kwilifa labantu bakhe ebuqaqawulini.
13 Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda,
14 lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
15 UKrestu yimbonakalo kaThixo ongabanokaliyo;ingqalo nentloko yayo yonke indalo.
16 Iinto zonke zadalwa ngaye,ezulwini nasemhlabeni,ezibonakalayo nezingabonakaliyo.Zonke zivela kuye:ooziphathamandla namatshawe,oozilawuli noomagunya.UThixo walidala ngaye elidalela yena ihlabathi liphela.