20 Yena ngulowo uThixo azixolelanise ngaye nehlabathi liphela;ewe, ngokuphalala kwegazi lakhe emnqamlezweniwazixolelanisa naye zonke izinto ezisezulwini nezisemhlabeni.
21 Benifudula ninxaxhile, kungekho buhlobo phakathi kwenu noThixo, ngenxa yemikhwa emibi enaniyenza, niyicinga nokuyicinga.
22 Kodwa ngoku uThixo udale ubuhlobo phakathi kwakhe nani ngokuphalala kwegazi likaKrestu, ukuze anisondeze ningabantu abanyuliweyo, ningenasiphako, nimsulwa phambi kwakhe.
23 Nani ke yithini ngcembe elukholweni, nimi ngxishi phezu kwesiseko senu, ningagungqiswa nto kwithemba eninalo ngenxa yeendaba ezimnandi. Zezi ndaba kanye ke uThixo andithume ukuba ndizivakalise, ezi zishunyayezwa uwonke-wonke phantsi kwelanga.
24 Kuyandonwabisa ukuhlupheka kwam ngenxa yenu. Kuba ngale ndlela ndithatha inxaxheba ngalo mzimba wam ubuthathaka ngokuzibandakanya neentlungu ezisilindeleyo zikaKrestu, ngenxa yomzimba wakhe, ibandla lakhe ke ukutsho.
25 Ndenziwe umlungiseleli webandla nguThixo ondinike olu xanduva ukuba ndiluthwale ngenxa yenu. Luxanduva lodaba lwakhe ekufuneke ndiluvakalise ngokupheleleyo.
26 Ndivakalisa loo mfihlelo yafihlwa mandulo kwizizukulwana ngezizukulwana. Kodwa ke ngoku ityhilwe kubantu bakaThixo.