15 Uboyisile oomagunya nooziphathamandla, wabenza intlekisa esidlangalaleni, bekumngcelele wabathinjwa aboyisiweyo.
16 Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga *neyoMhla wokuPhumla.
17 Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.
18 Musani ke ukuqhathwa ngabantu abazenza bhetele, beqhayisa ngemibono nangentobeko ethile, benqula izithunywa zezulu. Abantu abanjalo bafumana bezingca nje, bebambelele ezintweni ezibonakalayo zengqondo yabo.
19 Baphuncukile kwintloko enguKrestu. Kanti ke umzimba namalungu nemisipha unxibelelana nentloko ukuze wondleke ubambene, ukhule ngendlela kaThixo.
20 Kaloku nafa kunye noKrestu, nakhululeka ekulawulweni ziimpembelelo zeli phakade. Ngani ke ukuba niziphathe ngokwabantu beli phakade? Kutheni ukuba nibe ngoothoba-sikutyele, niphulaphula nje xa kusithiwa:
21 “Sanukuyiphatha le, sanukuyingcamla leya, enye sanukuyichukumisa”?