19 Baphuncukile kwintloko enguKrestu. Kanti ke umzimba namalungu nemisipha unxibelelana nentloko ukuze wondleke ubambene, ukhule ngendlela kaThixo.
20 Kaloku nafa kunye noKrestu, nakhululeka ekulawulweni ziimpembelelo zeli phakade. Ngani ke ukuba niziphathe ngokwabantu beli phakade? Kutheni ukuba nibe ngoothoba-sikutyele, niphulaphula nje xa kusithiwa:
21 “Sanukuyiphatha le, sanukuyingcamla leya, enye sanukuyichukumisa”?
22 Xa zizonke ezi zinto ziyonakala zakuba zisetyenzisiwe. Injalo ke imithetho neemfundiso zabantu.
23 Okunene le nkqubo yokuzenza ngcwele, nokuzicinezela, kunye nokungcungcuthekisa umzimba, ibonakala ngathi inobulumko, kodwa iyoyiswa kukulwa inkanuko yemvelo.