21 Bazali, nina musani ukubacaphukisa abantwana bade bakruquke.
22 Nina zicaka, bathobeleni abaphathi benu balapha emhlabeni kuzo zonke izinto. Thembekani emsebenzini naxa ningajongwanga; ewe, sebenzani ngokungathi nikhonza iNkosi ngenkqu, ningajonge kunconywa ngabantu.
23 Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu.
24 Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.
25 Kodwa yena umenzi wobubi uya kuvuzwa ngokwemisebenzi yakhe emibi; kuba uThixo ugweba wonke ubani engakhethi buso.