15 Ndibuliseleni kumawethu aseLawodike, nakuNimfa nebandla elo lihlanganela endlwini yakhe.
16 Xa seniyifundile le leta yigqithiseleni kwibandla laseLawodike, ifundwe nakhona. Ngokukwanjalo ke nani ze niyifunde laa leta yaseLawodike.
17 Gqithisani lo myalezo kuArkipo: “Nakanjani na, umsebenzi owawunikwa yiNkosi wenze ngokufezekileyo.”
18 Umbuliso lo ubhalwa ndim mna Pawulos. Khumbulani ukuba ndikhonkxiwe! Ubabalo lukaThixo malube nani.