4 Ze nindithandazele ukuze ndiyithethe icace le mfihlelo, njengoko ndimelwe kukwenjenjalo.
5 Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo.
6 Incoko yenu mayisoloko imnandi, inika umdla. Fundani ukucebisana kakuhle nomntu ngamnye enidibana naye.
7 Umwethu oyintanda, uTikiko okholekileyo, umncedi nogxa wam emsebenzini weNkosi, uza kunibalisela ngemeko yam apha.
8 Yiyo le nto ndimthumela kuni nje, ndifuna aze kunixelela ngempilo yethu, anivuselele.
9 Uza kuba ehamba no-Onesimo, ikholwa eliyintanda lakuni. Bonixelela ke zonke iindaba zalapha.
10 Uyanibulisa uAristarko ongumbanjwa kunye nam, kwanoMarko umzala kaBharnabha. (Beseniwufumene umyalezo ngaye, ngoko ke xa athe wafika mamkeleni azive esekhaya.)