20 UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu.
21 Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; àkafika kodwa kulawa mathathu.
22 UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.
23 Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite* zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe.
24 Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha.
25 Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa àkafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
26 Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem;