1 Izikronike 3 XHO75

Imilibo yezizalwana

1 Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;

2 owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesiné nguAdoniya unyana kaHagiti;

3 owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.

4 Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.

5 Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobané, ngoBhateshuwa intombi ka-Amiyeli;

6 nguIbhehare, noElishama, noElifelete,

7 noNoga, noNefege, noYafiya,

8 noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.

9 Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; ndodade wabo ibinguTamare.

10 Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;

11 nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;

12 nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;

13 nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;

14 nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.

15 Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesiné.

16 Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.

17 Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe, noMalekiram,

18 noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.

19 Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;

20 noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.

21 Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.

22 Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.

23 Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.

24 Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29