1 Izikronike 14 XHO75

Ukoyiswa kwamaFilisti nguDavide

1 Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare,* neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu.

2 Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.

3 UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi.

4 Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,

5 noIbhehare, noElishuwa, noElipelete,

6 noNoga, noNefege, noYafiya,

7 noElishama, noBheleyada, noElifelete.

8 Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza.

9 AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa.

10 Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wòwanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho.

11 Benyuka baya eBhahali-peratsim,* wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.

12 Azishiya apho izithixo zawo; wathi uDavide mazitshiswe ngomlilo.

13 Abuya aphinda amaFilisti, athi dwe entilini leyo. Wabuya wabuza uDavide kuThixo.

14 Wathi uThixo kuye, Uze ungenyuki uwasukele; jika umke kuwo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka;*

15 kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba úphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti.

16 Wenza uDavide njengoko uThixo wamwisela umthetho ngako; bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere.

17 Lwaphuma lwagqiba ilizwe udumo lukaDavide; uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29