14 Abo, koonyana bakaGadi, ibiziintloko zomkhosi. Emnye kubo engomncinane ubelilingene ikhulu; omkhulu kubo ubelilingene iwaka.
15 Ngabo abo bayiwelayo iYordan ngenyanga yokuqala, izele, ihamba phezu kweendonga zayo; bagxotha bonke abasezintilini empumalanga nasentshonalanga.
16 Kwaya aboonyana bakaBhenjamin bakaYuda emboniselweni kuDavide.
17 Waphuma uDavide, waya kubakhawulela, wathi kubo, Ukuba niza kum ninoxolo, ukuba nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; ke ukuba nize kundikhohlisa, nindinikele kubabandezeli bam, kungekho lugonyamelo esandleni sam, wóbona uThixo woobawo bethu, ohlwaye.
18 Umoya wamthi gqubuthu uAmasayi, intloko yabaphathi-mikhosi, wathi, Singabakho, Davide; singakuwe, nyana kaYese. Uxolo, uxolo lube kuwe, uxolo lube kubancedi bakho; ngokuba úya kuncéda uThixo wakho. Wabamkela ke uDavide, wabamisa baziintloko zamaqela.
19 KumaManase kwabakho abaphambela kuDavide, ekuyeni kwakhe namaFilisti ukuba kuliwe noSawule, baza àbawanceda; ngokuba zacebisana zamndulula izikhulu zamaFilisti, zisithi, Wóphambela kuSawule inkosi yakhe, senzakale ke.
20 Ekuyeni kwakhe eTsikelage, wathelelwa ngabakwaManase, uAdena, noYozabhadi, noYedihayeli, noMikayeli, noYozabhadi, noElihu, noTsiletayi, iintloko zamawaka akwaManase.