32 Koonyana bakaIsakare, abawaziyo abawaqondayo amaxesha, ukwazela ange ekwenza amaSirayeli, babengamakhulu amabini, iintloko zabo. Bonke abazalwana babo benza ngokomlomo wabo.
33 KwaZebhulon, abaphuma umkhosi, abaxhobela ukulwa, beneentonga zonke zemfazwe, ngamashumi omahlanu amawaka, behlohla uluhlu, bengenazintliziyo zimbaxa.
34 KwaNafetali, yaba ngabathetheli abaliwaka, benamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, aphethe amakhaka neentshuntshe.
35 KwaDan, abaxhobele imfazwe yangamashumi amabini anesibhozo amawaka, anamakhulu mathandathu.
36 Kwa-Ashere, abaphuma umkhosi, bexhobele ukulwa, yangamashumi omané amawaka.
37 Phesheya kweYordan, kwaRubhen nakwaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, beneentonga zonke zomkhosi wokulwa, yalikhulu elinamanci mabini amawaka.
38 Onke loo madoda okulwa ahlohla uluhlu, aya enentliziyo ephelelisekileyo eHebron, ukuba amenze ukumkani uDavide kumaSirayeli onke. Kananjalo namanye amaSirayeli onke ayenantliziyo-nye yokumenza ukumkani uDavide.