1 Wacebisana uDavide nabathetheli bamawaka nabamakhulu, iingànga zonke.
2 Wathi uDavide kwibandla lonke lakwaSirayeli, Ukuba kulungile kuni, ukuba kuvela kuYehova uThixo wethu, masiphange, sithumele kubazalwana bethu abaseleyo emazweni onke akwaSirayeli, kunye nabo ke sithumele kubabingeleli nabaLevi abasemizini yamadlelo abo, ukuba babuthelane kuthi;
3 siyiguqulele kuthi ityeya kaThixo wethu; ngokuba asibuzisanga kuyo ngeemini zikaSawule.
4 Lathi lonke ibandla, Makwenjiwe njalo; ngokuba lalilungile elo zwi emehlweni abantu bonke.