9 Baya bafika esandéni sikaKidon; u-Uza wasa isandla sakhe, wayibamba ityeya; ngokuba iinkomo beziyigungqisa.
10 Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza, wambetha ngenxa enokuba wasa isandla sakhe etyeyeni; wafela khona phambi koThixo.
11 Kwavutha umsindo kuDavide, ngokuba uYehova emtyhobozele ngotyhobozo u-Uza; wathi loo ndawo yiPeretse-uza,* unanamhla.
12 UDavide wamoyika uThixo ngaloo mini, wathi, Ndothini na ukuyizisa kum ityeya kaThixo?
13 UDavide àkayisa kuye ityeya emzini kaDavide; wayisonga, wayiphambukisela endlwini kaObhedi-edom waseGati.
14 Yahlala ityeya kaThixo emzini kaObhedi-edom, endlwini yakhe, iinyanga zantathu. UYehova wayisikelela ke indlu kaObhedi-edom, nento yonke anayo.