3 Kwathi ngobo busuku lafika ilizwi likaThixo kuNatan, lisithi,
4 Hamba uye kuthi kuDavide umkhonzi wam, Útsho uYehova ukuthi, Wena akusayi kundakhela ndlu yakuhlala.
5 Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kulaa mini ndawanyusayo ngayo amaSirayeli, unanamhla; ke ndisuka ententeni ndiye ententeni, ndisuke emnqubeni ndiye emnqubeni.
6 Ekuhambeni konke, endakuhamba-hambayo namaSirayeli onke, khe ndathetha izwi na nakumnye kubagwebi bakwaSirayeli, endabawisela umthetho wokwalúsa abantu bam, lokuthi, Yini na ukuba ningàndakheli ndlu yamisedare?
7 Ke ngoko wótsho kuDavide umkhonzi wam, ukuthi, Útsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndákuthabatha edlelweni mna, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yingànga yabantu bam amaSirayeli.
8 Ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho ebusweni bakho, ndakwenzela igama njengegama labakhulu abasehlabathini.
9 Ndiya kubamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndibatyale, beme emanxuweni abo, bangabi sagungqa; oonyana bobutshijolo bangàbuyi babonákalise, njengamhla mnene;