1 Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda,
2 noIsakare, noZebhulon, noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere.
3 Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala.
4 UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu.
5 Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli.