17 UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.
18 UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon.
19 Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri.
20 UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli.
21 Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi.
22 USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi.
23 UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi.