30 wamzalela uAbhan, noMolidi. Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga.
31 Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi.
32 Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga.
33 Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli.
34 USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha.
35 USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi.
36 UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi.