1 Ke kaloku uSathana* wesukela phezulu kumaSirayeli, waxhokonxa uDavide ukuba awabale amaSirayeli.
2 Wathi ke uDavide kuYowabhi nakubathetheli babantu, Khaniye, niwabale amaSirayeli, nithabathela eBhershebha, nide nise kwaDan, nilizise kum, ndilazi inani lawo.
3 Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, àbangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?
4 Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaSirayeli onke, weza eYerusalem.