15 UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandéni sikaOrnan umYebhusi.