19 Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné.
20 Koonyana bakaUziyeli nguMika inkulu, noIshiya owesibini.
21 Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.
22 Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo.
23 Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYeremoti; bathathu.
24 Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, iintloko zezindlu zooyise ngokwababalwáyo kubo, ngenani lamagama ngokweentloko zabo, besenza imisebenzi yenkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.
25 Ngokuba uDavide ubesithi, UYehova, uThixo kaSirayeli, ubaphumzile abantu bakhe; uhleli eYerusalem kude kuse ephakadeni.