7 KumaGershon yanguLadan noShimehi.
8 Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu.
9 Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan.
10 Oonyana bakaShimehi nguYahati, noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bané.
11 UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise.
12 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli; bané.
13 Oonyana baka-Amram nguAron noMoses. UAron watwetyulelwa ukuba angcwaliswe abe yingcwele kangcwele, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni; baqhumisèle phambi koYehova, balungiselele kuye, basikelele egameni lakhe kude kuse ephakadeni.