4 Bafumaneka oonyana bakaElazare bebaninzi ngokweentloko zamagorha, ngaphezu koonyana bakaItamare. Babenjenje ukubahlula: koonyana bakaElazare, iintloko zezindlu zooyise zaba lishumi elinantandathu; koonyana bakaItamare, zasibhozo ngokwezindlu zooyise.
5 Babahlula ngamaqashiso, aba baba naba; ngokuba abaphathi bendawo engcwele nabaphathi bakaThixo bebengabakoonyana bakaElazare, naphakathi koonyana bakaItamare.
6 UShemaya unyana kaNataniyeli umbhali, wakubaLevi, wababhala phambi kokumkani, nabathetheli, noTsadoki umbingeleli, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, neentloko zezindlu zooyise kubabingeleli nakubaLevi; indlu yoyise inye iphuma noElazare, inye iphuma noItamare.
7 Laphuma iqashiso lokuqala noYoyaribhi,
8 elesibini noYidaya, elesithathu noHarim,
9 elesiné noSehorim, elesihlanu noMalekiya, elesithandathu noMiyamin,
10 elesixhenxe noHakotse, elesibhozo noAbhiya,