10 KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu),
11 noHilekiya owesibini, noTebhaliya owesithathu, noZekariya owesiné; bebonke oonyana nabazalwana kuHosa baba lishumi elinabathathu.
12 Loo maqela abamasango, iinkulu zamagorha, zaphathiswa izigxina kunye nabazalwana babo, ukuba balungiselele endlwini kaYehova.
13 Bawisa amaqashiso, ngomncinane nangomkhulu ngokufanayo, ngokwezindlu zooyise, isango ngesango.
14 Iqashiso elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Ke uZekariya unyana wakhe, umphakathi oqiqileyo, bamwisela amaqashiso, laphuma iqashiso lakhe lilelangasentla;
15 elikaObhedi-edom laba lelangasezantsi; eloonyana bakhe laba lelovimba.
16 ElooShupim noHosa laba lelangasentshonalanga, kunye nesango leShalekete emendweni onyukayo, umlindo umalunga nomlindo.