13 Bawisa amaqashiso, ngomncinane nangomkhulu ngokufanayo, ngokwezindlu zooyise, isango ngesango.
14 Iqashiso elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Ke uZekariya unyana wakhe, umphakathi oqiqileyo, bamwisela amaqashiso, laphuma iqashiso lakhe lilelangasentla;
15 elikaObhedi-edom laba lelangasezantsi; eloonyana bakhe laba lelovimba.
16 ElooShupim noHosa laba lelangasentshonalanga, kunye nesango leShalekete emendweni onyukayo, umlindo umalunga nomlindo.
17 Ngasempumalanga babebathandathu abaLevi; ngasentla bebané imihla ngemihla; ngasezantsi bebané imihla ngemihla; kovimba baba ngababini ngababini.
18 Emaphandleni ngasentshonalanga babané emendweni, bababini ngaphandle.
19 Ngawo lawo amaqela abamasango, koonyana bamaKora, nakoonyana bakaMerari.