6 Ke nakuShemaya, unyana wakhe, kwazalwa oonyana abalawula indlu kayise; ngokuba babengamagorha anobukroti.
7 Oonyana bakaShemaya ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabazalwana bakhe, amadoda anobukroti, uElihu noSemakiya.
8 Bonke abo bakoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo, nabazalwana babo, amadoda avileyo, enamandla enkonzweni, bebengamashumi amathandathu anababini kuObhedi-edom.
9 UMeshelemiya ube enoonyana nabazalwana, amadoda anobukroti, ilishumi elinesibhozo.
10 KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu),
11 noHilekiya owesibini, noTebhaliya owesithathu, noZekariya owesiné; bebonke oonyana nabazalwana kuHosa baba lishumi elinabathathu.
12 Loo maqela abamasango, iinkulu zamagorha, zaphathiswa izigxina kunye nabazalwana babo, ukuba balungiselele endlwini kaYehova.