16 negolide ngokobunzima beetafile zokucwangcisa izonka, betafile ngetafile, nesilivere yeetafile zesilivere.
17 Wamnika nesilinganiso seefolokhwe, nesezitya zokutshiza, neseendebe zegolide ecocekileyo; neseendebe zegolide, ngokobunzima bendebe ngendebe neseendebe zesilivere ngokobunzima bendebe ngendebe;
18 nesesibingelelo sesiqhumiselo segolide ehluziweyo, ngokobunzima; nesilinganiso senqwelo, seekerubhi* zegolide, ezolula amaphiko azo, zisithelisa ityeya yomnqophiso kaYehova.
19 Yonke loo nto, watsho uDavide, yonke imisebenzi yokulinganisa úndiqondisile ngokubhala okuvela esandleni sikaYehova, seza phezu kwam.
20 Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya, ude uwugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.
21 Nanga ke amaqela ababingeleli, nawabaLevi bomsebenzi wonke wendlu kaThixo. Banawe kuwo wonke umsebenzi, bonke abaya kubunika ngokuqhutywa yintliziyo ubulumko bomsebenzi wonke; nabathetheli nabantu bonke bowaphulaphula amazwi akho onke.