23 Wahlala ke uSolomon etroneni kaYehova, engukumkani esikhundleni sikaDavide uyise, wenempumelelo; ambeka onke amaSirayeli.
24 Bonke abathetheli, namagorha, kwanoonyana bonke bokumkani uDavide, basilulamela isandla sikaSolomon ukumkani.
25 UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
26 Ke kaloku uDavide, unyana kaYese, waye engukumkani wamaSirayeli onke.
27 Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mané; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.
28 Wafa ke, eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko; uSolomon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
29 Izinto zikaDavide ukumkani, ezokuqala nezokuphela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaSamuweli imboni, nasémicimbini kaNatan umprofeti, nasemicimbini kaGadi imboni;