25 UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
26 Ke kaloku uDavide, unyana kaYese, waye engukumkani wamaSirayeli onke.
27 Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mané; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.
28 Wafa ke, eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko; uSolomon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
29 Izinto zikaDavide ukumkani, ezokuqala nezokuphela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaSamuweli imboni, nasémicimbini kaNatan umprofeti, nasemicimbini kaGadi imboni;
30 kunye nobukumkani bakhe bonke, nobugorha bakhe, nezinto ezamhlelayo yena, namaSirayeli, nezikumkani zonke zamazwe.