12 UEshton wazala indlu kaRafa, noPaseha, noTehina, ozala umzi kaNahashe. Ngawo lawo amadoda akwaReka.
13 Oonyana bakaKenazi: uOteniyeli noSeraya; oonyana bakaOteniyeli nguHatati noMehonotayi.
14 UMehonotayi wazala uOfera; uSeraya wazala uYowabhi, ozala ooGeharashim,* ngokuba bebeziingcibi.
15 Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, ngooIru, noEla, noNaham; oonyana bakaEla; nabakaKenazi.
16 Oonyana bakaYehaleleli ngooZifi noZifa, ngooTireya noAsareli.
17 Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. Wazala uMiriyam, noShamayi, noIshbha, ozala amaEshtemowa.
18 Umkakhe uYehudiya wazala uYerede, ozala amaGedore; noHebhere, ozala amaSoko; noYekutiyeli, ozala amaZanowa. Ngabo abo oonyana bakaBhitya, intombi kaFaro, awayizekayo uMerede.