26 UThixo kaSirayeli wawuxhokonxa umoya kaPuli, ukumkani waseAsiriya, nomoya kaTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wawafudusa amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wabása eHala, naseHabhore, naseHara, nasemlanjeni oyiGozan, unanamhla.