29 Esezandleni zoonyana bakaManase yiBhete-shehan namagxamesi ayo, yiTahanaki namagxamesi ayo, yiMegido namagxamesi ayo, yiDore namagxamesi ayo. Kulapho kwakumi oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli.
30 Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshevi, noBheriya, noSera udade wabo.
31 Oonyana bakaBheriya nguHebhere, noMalekiyeli, onguyise kaBhirzaviti.
32 UHebhere wazala uYafelete, noShomere, noHotam, noShuwa udade wabo.
33 Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimhali, noAshevati.
34 Ngabo abo oonyana bakaYafelete. Oonyana bakaShemere nguAhi, noRoga, noYehubha, noAram.
35 Oonyana bakaHelem umzalwana wakhe nguTsofa, noImna, noSheleshe, noAmali.