15 nguBhakebhakare, noHereshe, noGalali; noMataniya unyana kaMika, unyana kaZikri, unyana ka-Asafu;
16 no-Obhadiya, unyana kaShemaya, unyana kaGalali, unyana kaYedutun; noBherekiya unyana ka-Asa, unyana kaElikana, obehleli emizaneni yamaNetofa.
17 Abamasango: nguShalum, noAkubhi, noTalemon, noAhiman, nabazalwana babo; intloko inguShalum;
18 kude kwaba namhla esesangweni lokumkani empumalanga. Ngabo abo abamasango eminqubeni yoonyana bakaLevi.
19 UShalum, unyana kaKore, unyana kaEbhiyasafu, unyana kaKora, nabazalwana bakhe ngokwendlu yooyise, amaKora, ayephethe umsebenzi wenkonzo, engabagcini beminyango yentente. Nooyise bawo babephethe iminquba kaYehova, begcina isango.
20 UPinehasi, unyana kaElazare, waye eyingànga yabo ngenxa engaphambili; uYehova wayenaye.
21 UZekariya unyana kaMeshelemiya wayengowesango ekungeneni kwentente yokuhlangana.