24 Babekho abamasango ngamacala omané, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasentla, nangasezantsi.
25 Abazalwana babo emizaneni yabo babengabokuza ngomhla wesixhenxe amaxesha ngamaxesha kunye nabo.
26 Ngokuba abaLevi abo, abaphathi abakhulu abané ababengabamasango, babephethe amagumbi nobuncwane bendlu kaThixo benyanisile.
27 Ukulala, babeyijikeleza indlu kaThixo; ngokuba ukugcina bekukokwabo, kunabo ukuyivula imiso ngemiso.
28 Kubo bekukho abaphethe iimpahla zenkonzo; ngokuba babezingenisa ngenani, bazikhuphe ngenani.
29 Kubo bekukho abamiselwe phezu kwempahla, naphezu kwempahla yonke engcwele, naphezu komgubo ocoliweyo, newayini, neoli, nentlaka emhlophe, nobulawu.
30 Koonyana bababingeleli bekukho abacola ubuqholo bobulawu.