22 Ngokuba ukumkani ubenesinqanawa saseTarshishe elwandle, ndawonye nesinqanawa sikaHiram; seza kanye ngeminyaka emithathu isinqanawa eso saseTarshishe, sithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.*
23 Waba mkhulu ke ukumkani uSolomon, ngaphezu kookumkani bonke behlabathi, ngobutyebi nangobulumko.
24 Lonke ihlabathi laye lifuna ubuso bukaSolomon, ukuba live ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo.
25 Bazisa elowo umnikelo wakhe; iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka.
26 USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo, waba newaka elinamakhulu amané eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka ezo zinto emizini yeenqwelo zokulwa, nakukumkani eYerusalem.
27 Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare* wayenza yanjengemithombe esesihlanjeni, ukuba mininzi.
28 Amahashe abenawo uSolomon avela eYiputa; laza iqela labathengela ukumkani lalithabatha iqela ngalinye ngenani elithile.