3 USolomon wamtyhilela onke amazwi akhe; akubangakho lizwi lifihlakeleyo kukumkani, angabanga nakumtyhilela lona.
4 Wabubona ukumkanikazi waseShebha bonke ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile,
5 nokudla kwetafile yakhe, nokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe, nezambatho zabo, nabangcamli bakhe, nezinyuko zakhe abenyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
6 Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva, ezweni lam, lezinto zakho nobulumko bakho.
7 Andikholwanga ngamazwi lawo, ndada ndeza, abona amehlo am; ùyabona, bendingaxelelwanga nesiqingatha esi. Ùlugqithile ngobulumko nangokulunga udada ebendiluvile.
8 Anoyolo amadoda akho, banoyolo aba bakhonzi bakho bemiyo phambi kwakho amaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.
9 Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleleyo, wakubeka etroneni yakwaSirayeli ngokuwathanda kwakhe amaSirayeli ngonaphakade, wakumisa waba ngukumkani, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.