7 Andikholwanga ngamazwi lawo, ndada ndeza, abona amehlo am; ùyabona, bendingaxelelwanga nesiqingatha esi. Ùlugqithile ngobulumko nangokulunga udada ebendiluvile.
8 Anoyolo amadoda akho, banoyolo aba bakhonzi bakho bemiyo phambi kwakho amaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.
9 Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleleyo, wakubeka etroneni yakwaSirayeli ngokuwathanda kwakhe amaSirayeli ngonaphakade, wakumisa waba ngukumkani, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.
10 Ukumkanikazi wamnika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente* zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube saziswa bulawu bungangobo ukuba buninzi kwabo, obo ukumkanikazi waseShebha wabunika ukumkani uSolomon.
11 Kananjalo isinqanawa sikaHiram, esathutha igolide kwaOfire, savela kwaOfire nemialmugi* emininzi kunene, namatye anqabileyo.
12 Imialmugi leyo ukumkani wayenza iintsika zendlu kaYehova, nezeyendlu yokumkani, neehadi nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kube saziswa mialmugi injalo, akubonwanga injalo unanamhla.
13 Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke akunanzileyo, awakucelayo; kukodwa khona awamnikayo ngokwamandla okuba engukumkani uSolomon. Wajika ke, waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.